{"product_id":"9781431435401","title":"Uqhekezo Lobunye (IsiXhosa)","description":"\u003cp\u003eFumana incwadi engebali eliyinyani elinika umdla nelikwenza uzifumane uchophe ngayo, esihloko sithi Uqhekezo lobunye: Ibali loCalucalulo ngokoBuhlanga, nelihlolisisa umzabalazo woMzantsi Afrika phantsi kweyona nkqubo yakha yanobuzaza kwimbali yoMzantsi Afrika neyayingokwahlulwa ngokobuhlanga. Ngokuhlafuhlafuna nakwiinkumbulo zenkondekazi eyayiphila ngaloo maxesha, le ncwadi ithi imeme abafundi ukuba nabo bazibhakaxe kwimbali yocalucalulo ngokobuhlanga obunokuntsonkotha nokuchukumisayo entliziyweni kuba bufunisa ukuba ubani abenesibindi nenzondelelo ukuze aloyise ugonyamelo lwengcinezelo.\u003c\/p\u003e\n\u003cp\u003e Babunjani ubomi ngaphambi kocalucalulo? Ubukoloniyali buyicime njani imbali kwanenkcubeko etyebileyo yabantu bomgquba (bomthonyama)? Ukususela ekulelweni ilungelo lokuvota ukuya kwimithetho yocalucalulo erhabaxa neyayenzelwe ukwalusa iintshukumo kwanempilo yabantu yemihla ngemihla – kwiindawo ababehlala kuzo, kwiindawo zabo zempangelo, kuquka nabantu ababenokuzimanya nabo ngeqhina lomtshato. Le mpathombi yanwenwela phantse kuzo zonke iinkalo zobomi babo ukususela kwimfundo ukuya kwezemidlalo.\u003c\/p\u003e\n\u003cp\u003eNangona lwathi lwapheliswa ngokusesikweni ulawulo lwengcinezelo, ulwamvila lwayo lona lusavakala nanamhla oku. Le ncwadi ke isisikhumbuzo esibalulekileyo sokuzinikela njengamadini okwenziwa ngabantu bakuthi kwanemiguqu esaqhubeka nanamhla oku yokuqinisekisa ukuba sililizwe elilinganayo nelimanyene ngokwenene.\u003c\/p\u003e","brand":"Readers Warehouse","offers":[{"title":"Default Title","offer_id":42857302392947,"sku":"9781431435401","price":265.0,"currency_code":"ZAR","in_stock":true}],"thumbnail_url":"\/\/cdn.shopify.com\/s\/files\/1\/2291\/7991\/files\/9781431435401.jpg?v=1752697361","url":"https:\/\/readerswarehouse.us\/products\/9781431435401","provider":"Readers Warehouse","version":"1.0","type":"link"}